








BONA XHOSA - July 1995 3

IILETA ZENU

Zuza i-R50 ngeleta yakho enomdla
Sikuvuyele ukufumana iileta zenu. Khumbulani ukuba uTyhila Ufunde uhlawula i-R50 ngeleta
enomdla. Ke ngoko sibhaleleni. Sixeleleni enikuthandayo neningakuthandiyo, KODWA SIXELELENI!
Idilesi ithi: TYHILA UFUNDE, Education Foundation, R O. Box 2925, Durban, 4001



Amalungelo abantu bonke

Sonke sithetha ngedemokhrasi nangamalungelo oluntu. Kungani kungathethwa ngamalungelo abantwana abahlala ezitratweni? Kungani bengalinikwa sithi nje? Aba bantwana basuka kwiintsapho ezitsala nzima yaye bajamelene nezinye iinkxwaleko zabantu ababasebenzisa kakubi ngokwesondo. Uluntu lufanele luseke umbutho oqokelela imali yokubanceda njengoko kusenziwa ebantwaneni abagogekileyo. Kufuneka kwakhiwe iindawo zokulungisa isimilo nezokubagcina abantwana abahlala ezitratweni.
NdinguMonty Gaeyaya, wasePampierstad

Abefundisi bahlawulisa amarhamente imali eninzi
Ininzi imali ehlawulwa ezicaweni kule mihla. Amaxesha amaninzi, abefundisi abonqeni ukuthi umrhamente ngamnye makahlawule ama-R50. Abantu abaninzi abasayithandi icawa ngenxa yaloo nto. Xa ubabuza isizathu sokungayi ecaweni, bathi kungenxa yokuba bahlawuliswa imali eninzi ecaweni. Ndiqinisekile xa izenzo zokuqhetseba ezinjalo bezisenzeka kwiindawo esisebenza kuzo, ngakukudala sabetha i-toyi-toyi sikhalaza. Abantu bayithobela ngokwendalo imithetho nabefundisi becawe. Lumkani befundisi beecawe
abantu abaneliswa yindlela eniqhuba ngayo.
NdinguZ.S.. Nkabinde, waseMokudumela

Ngaba akulunganga ukuhlala uyintombi enyulu?
Ndiyintombazana eneminyaka eli-17 engazange ibe nendibano yesondo nendoda yaye ndifuna ukuhlala ndinyulu de ndigqibe ukufunda. Kodwa ndikhathazekile kuba abanye abahlobo bam bayandihleka ngokuba nyulu kwam yaye bathi ndiza kuphambana xa ndingabi nomfana endincuma naye. Ngaba yinyaniso leyo? Ndifuna ukuba yintombi ekhule iziphethe kakuhle. Ndicela undicebise. Ndiyintombazana ekhatha-zekileyo, yaseMpumalanga

Kuxhomekeke kulowo nalowo mntu ukuba ufuna ukuba neendibano zesondo nini ebomini. Nguwe onokwenza isigqibo sokuba ukulungele ukuba neendibano zesondo nokuthi nguwuphi umntu olungileyo onokuba neendibanbo zesondo naye. Awunakuphambana ngenxa yokungabi neendibano zesondo. Bathini abanye abafundi ngalo mba?

Ndenza ububhanxa namhlanje ndiyazisola
Ndandiyintombazana eneminyaka eli-16 xa ndagqiba ekubeni ndihambe ekhaya ndiyohlala nendoda endandincuma nayo ineminyaka engama-45. Abazali bam, usapho lwasekhaya nabamelwane bazama ukundicenga ukuba ndibuyele esikolweni, kodwa andizange ndivume.


Ndagqiba ekubeni ndiqhubeke nokuhlala nendoda endincuma nayo yaseMozambique kodwa ngoku yandishiya yaphinda elizweni layo ngoku ndisele nditsala nzima ndikhulisa abantwana bethu ababini. Andifundanga yaye ndisoloko ndilila. Imfundo iyanceda kuba isisitshixo sokuvula iingcango ezivaliweyo.
NdinguEmily Moday, wasePitoli (eStink Water)

Ndiyabulela kuTyhila Ufunde
Ndizuze lukhulu kuTyhila Ufunde. Ndiyabancoma abantu abathi gqi nengcamango yesi sihlomelo. Ekuqaleni ndandicinga ukuba uTyhila Ufunde ngowabantu abangafundanga kodwa kuthe ngokuhamba kwexesha ndawubona ukuba uluncedo nasebantwini abafundileyo.

NdinguF. Zixazi waseFlagstaff




4 BONA XHOSA - July 1995

AMAKHASI EMFUNDO YABADALA

 YIQONDE IRHAFU YAKHO!
NgoMatshi urhulumente omtsha ubhengeze iinguqu ezininzi kuqingqo-mali lweli
lizwe - ezinye zichaphazele irhafu ehlawulwa ngabemi beli. Ngaba iyintoni irhafu yaye
ngaba ziza kusichaphazela njani ezi nguqu? UTyhila Ufunde uchaza ngerhafu nokuthi
uza kuzuza na okanye uza kulahlekelwa kwirhafu!

Kutshanje urhulumente omtsha ubhengeze uqingqo-mali lwakhe lokuqala. Uqingqo-mali licebo lokuzenzela 
imali nokuyisebenzisa. Urhulumente uchitha imali ekwakheni izindlu, kwimpilo, emfundweni, kukhuselo 
nakwezinye izinto ezininzi. Ukuze abe nako ukwenza ezi zinto, kufuneka azenzele imali ngokuqokelela 
irhafu, iVAT nangokufumana inkxaso kwamanye amazwe.
Ngaba iyintoni irhafu?
Zintathu iindidi zerhafu ezihlawulwa
kurhulumente. Zezi zilandelayo:

	irhafu ehlawulwa ngabantu;
	iValue Added Tax (VAT);
	irhafu yenzuzo eyenziwa ziinkampani;
	nerhafu ehlawulwa yimigodi yegolide.
Urhulumente ufumana imali eninzi kwirhafu ehlawulwa ngabantu nakwiVAT. Le mali isetyenziswa 
emfundweni, ekwakheni izindlu, kwezempilo nezinye iimfuno zabemi baseMzantsi-Afrika.

Kulo nyaka urhulumente wenze iinguqu kwindlela etowo nalowo mntu aza kuyihlawula ngayo irhafu. 
Abaye abantu zibancedile ezo nguqu kanti abanye zibachanile. Zijonge ezi nguqu! Kusenokwenzeka ukuba uhlawula irhafu ephantsi okanye ephezulu!
Irhafu neenguqu	ekhaya. Umqeshi wakho ufanele akubuze ezi zinto xa ekuqesha.
linguqu ezenziwe kwirhafu ziza	Zonke ezo ngcombolo zizaliswa
kuchazela umhtawuli werhafo ngezi	kwifomu ekuthiwa yiRP2.
ndlela zilandelayo:	Ngoku urhulumente wenze iinguqu
Urhulumente uthi irhafu yengeniso kwirhafu yengeniso. Ngaba uwubo-
iza kuguquka. Amadoda namabhinqa,	nile umahluko kwipaslip yakho?
nabantu abatshatileyo nabangatsha-	Amabhinqa namadoda, nabantu
tanga baza kurhafiswa ngokulinganayo. abatshatileyo nabangatshatanga
trhafu yengeniso itsalwa kwimali baza kurhafiswa ngokulinganayo

eyisiyamkelayo okanye esiyifumanayo. Itsalwa emvuzweni wakho ngumqeshi wakho ngaphambi kokuba 
akunike umvuzo. Imali etsalelwe irhafu iyabhalwa kwipayslip.

Imali yerhafu etsalwa ngumqeshi wakho ixhomekeka ekubeni utshatile na okanye akutshatanga, ukuthi unabantwana abangaphi nokuthi nguwe kuphela na osebenzayo










2 BONA XHOSA - JuIy 1995

	-

	Sinifundisa ngephepha IikaMondi

	--

